8. Kodwa, nina nisuka none okanye nibaqhathe abanye, nangona bengamawenu!
9. Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo,
10. nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
11. Kanti abanye kuni babenjalo kanye, kodwa nahlanjwa, nenziwa imilowo, naba ngamalungisa phambi koThixo ngenxa yegama leNkosi uYesu nangoMoya kaThixo wethu.
12. Ubani unokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum.” Ewe, kunjalo, kodwa azikulungelanga zonke. Nam bendinokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum;” kodwa ngekhe ndinikezele ukuze ndilawulwe nayiyiphi na into.
13. Omnye unokuthi: “Ukutya kokwesisu, nesisu sesokutya.” Ewe, kunjalo, kodwa uThixo wokutshabalalisa kokubini. Ke wona umzimba asingowokurheletya, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba.
14. UThixo ke owayivusayo kwabafileyo iNkosi, uya kusivusa nathi ngamandla akhe.
15. Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu omzimba kaKrestu? Ngaba ndinokuthi ke ndiwathathe amalungu kaKrestu ndiwenze amalungu esifebe? Unotshe!
16. Ngaba anazi na ukuba ozimanya nesifebe umzimba mnye naso? Kaloku *iziBhalo zithi: “Abo babini boba mzimba mnye.”
17. Ke ozimanye neNkosi umoya mnye nayo.
18. Kucezeleni ukurheletya. Ezinye izono umntu anokuzenza aziwungcolisi umzimba, kodwa yena umrheletyi wona umzimba wakhe.
19. Anazi na ukuba imizimba yenu yindlu kaMoya oyiNgcwele, ahlala kuyo, evela kuThixo? Kaloku aningobenu;
20. ningabakaThixo owanithenga ngexabiso elikhulu. Mdumiseni ke uThixo ngemizimba yenu.