10. Ke bendingaxeli abarheletyi beli hlabathi, ababawayo, izigebenga, nabakhonza izithixo. Ukuze ningadibaniselani nabo, bekuya kufuneka ningabikho emhlabeni!
11. Hayi, bendixela ukuba ningadibaniselani nosukuba ebizwa ngokuba likholwa, ukanti uyarheletya, okanye uyabawa, ukhonza izithixo, okanye uyanyelisa, linxila, okanye limenemene. Ewe, ze ningatyi nokutya oku nonjalo.
12-13. Asingomsebenzi wam ukubagweba abangengabo abebandla. Bagwetywa nguThixo bona. Kodwa ngumsebenzi wenu ukubagweba abebandla lenu, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Ze nimsuse phakathi kwenu lowo ukhohlakeleyo.”