1 Kwabasekorinte 5:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndiva kusithiwa kukho umbulo phakathi kwenu. Lowo ke ngumbulo onganyamezelekiyo naphakathi kweentlanga. Ndithetha lo wokuba umntu ahlalisane nomfazi kayise.

2. Ningathini ke ukuzidla? Benimelwe kukwenyela, nimsuse phakathi kwenu lowo wenze loo ntlondi.

3. Mna ke, ndingekho nje okunene ngesiqu (kodwa ndikho ngomoya) sendide ndagqiba ngokungathi ndikho, malunga noyenzileyo loo nto.

4. Ndigqibe kwelithi xa nihlangene egameni leNkosi yethu uYesu Krestu, nam ndikho ngomoya, amandla eNkosi yethu uYesu Krestu esixhasa,

12-13. Asingomsebenzi wam ukubagweba abangengabo abebandla. Bagwetywa nguThixo bona. Kodwa ngumsebenzi wenu ukubagweba abebandla lenu, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Ze nimsuse phakathi kwenu lowo ukhohlakeleyo.”

1 Kwabasekorinte 5