9. Kuba kum ngathi uThixo thina *bathunywa bakhe usinika eyona ndawo iphantsi, ngathi singabamiselwe ukufa, senziwe umboniso oyintlekisa ehlabathini, kwizithunywa zezulu nasebantwini.
10. Andithi thina siziziyatha kaloku ngenxa kaKrestu, nibe ke nina niziingqondi ngokumanywa noKrestu, ngabula nina! Andithi thina siswele amandla; ke nina nomelele! Kaloku nibekekile nina, sibe ke thina sidelekile!
11. Kude kube ngôkunje siyalamba, siyanxanwa, siyadlakazela, siyadlakathiswa, siyabhadula,
12. siyabulaleka sisebenza nzima sizixhasa. Sakuthukwa, siyasikelela; sakutshutshiswa, siyanyamezela;
13. sakunyeliswa, siyacenga. Kude kube ngoku siphethwe okwenkunkuma yehlabathi, umququ wezinto zonke.
14. Ezi zinto andizibhaleli kuba nenyele; hayi, ndizibhalela ukuniluleka. Kaloku ningabantwana bam endibathandayo.
15. Nokuba ningade nibe namawaka-waka abafundisi abanifundisa ngoKrestu, mnye yena uyihlo kodwa. Ndim ke lowo, kuba namanywa noKrestu ngokuziva ngam iindaba ezimnandi; ndafana nonizeleyo ke.
16. Ndiyanibongoza ke, xelisani mna.
17. Ngenxa yoko ndinithumela uTimoti ongunyana wam endimthandayo, othembekileyo ekuyikhonzeni iNkosi. Yena uya kunikhumbuza ngeemfundiso zam ngoKrestu, ezi ndizifundisayo ezindaweni zonke kuwo onke amabandla.
18. Abanye benu basuke bakhukhumala ngokungathi andisayi kuze ndize apho.
19. Ndiya kunihambela kamsinya, emandleni eNkosi, ukuze ndinganeli nje kuva kucikoza kwâbo bazidlayo, kodwa ndiwubone nomsebenzi wabo.
20. Kaloku ulawulo lukaThixo alungabuciko, lungamandla kaMoya.