17. Ngenxa yoko ndinithumela uTimoti ongunyana wam endimthandayo, othembekileyo ekuyikhonzeni iNkosi. Yena uya kunikhumbuza ngeemfundiso zam ngoKrestu, ezi ndizifundisayo ezindaweni zonke kuwo onke amabandla.
18. Abanye benu basuke bakhukhumala ngokungathi andisayi kuze ndize apho.
19. Ndiya kunihambela kamsinya, emandleni eNkosi, ukuze ndinganeli nje kuva kucikoza kwâbo bazidlayo, kodwa ndiwubone nomsebenzi wabo.
20. Kaloku ulawulo lukaThixo alungabuciko, lungamandla kaMoya.
21. Nikhetha ntoni ke? Ngaba nifuna ndize kuni ndiphethe uswazi, okanye nifuna ndize ndinothando nobubele?