1 Kwabasekorinte 4:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Makenjenje ke umntu ukucinga ngathi, athi sizizicaka zikaKrestu, singamagosa eendaba zikaThixo ebezingaziwa.

2. Into elindelekileyo ke kumagosa kukuba ahlale ethembekile.

3. Ke mna andikunanze nganto ukuziphendulela kuni okanye enkundleni eyeyabantu. Ewe, nam andiziphicothi ngokwam.

4. Akukho nto ndinasazela ngayo, kodwa loo nto ayithethi kuthi ndimsulwa. Kaloku umgwebi wam yiNkosi.

5. Ngoko ke musani ukugweba mntu ngaphambi kwexesha lokufika kweNkosi. Yona iya kuzityhila izinto zobumnyama ezifihliweyo, ekufikeni kwayo, iziveze ekuhleni iingcinga zabantu. Wothi ke elowo nalowo awongwe nguThixo ngokumfaneleyo.

6. Ezi zinto, mawethu, ndizilinganisela ngam noApolo ngenxa yenu, ukuze nifunde kuthi apha, nize ke, njengoko zitshoyo *iziBhalo, ningabi nakratshi. Ke musani ukuqhayisa ngothile nize nimdele omnye.

7. Kambe ngubani othe wena ubalulekile kunabanye; iyintoni yona onayo ongayiphiwanga nguThixo? Phofu ke, ukuba uphiwe, uqhayiselani ngokungathi akuphiwanga?

8. Ngathi senide nadikwa njê; ngathi senizizityebi njê; ngathi senide naziinkosi njê, ndingekabi yiyo nam! Akwaba beniziinkosi nyhani-nyhani, ukuze nam ndibuxhamle ubukhosi obo benu!

1 Kwabasekorinte 4