1. Makenjenje ke umntu ukucinga ngathi, athi sizizicaka zikaKrestu, singamagosa eendaba zikaThixo ebezingaziwa.
2. Into elindelekileyo ke kumagosa kukuba ahlale ethembekile.
3. Ke mna andikunanze nganto ukuziphendulela kuni okanye enkundleni eyeyabantu. Ewe, nam andiziphicothi ngokwam.
4. Akukho nto ndinasazela ngayo, kodwa loo nto ayithethi kuthi ndimsulwa. Kaloku umgwebi wam yiNkosi.
5. Ngoko ke musani ukugweba mntu ngaphambi kwexesha lokufika kweNkosi. Yona iya kuzityhila izinto zobumnyama ezifihliweyo, ekufikeni kwayo, iziveze ekuhleni iingcinga zabantu. Wothi ke elowo nalowo awongwe nguThixo ngokumfaneleyo.