1 Kwabasekorinte 3:16-23 Ibhayibhile (XHO96)

16. Anazi na ukuba nina niyindlu kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo uhlala ngaphakathi kwenu?

17. Ukuba umntu uyayonakalisa indlu kaThixo, uThixo uya kumohlwaya, kuba indlu kaThixo ingcwele – nina ke niyiloo ndlu.

18. Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe “sisidenge” ukuze abe sisilumko ngenene.

19. Kaloku ubulumko beli hlabathi bubudenge kuThixo. Kaloku *iziBhalo zitsho ukuthi: “UThixo uyazibambisa izilumko kubuqhetseba bazo;”

20. ziphinde zithi: “INkosi iyazazi ukuba zingamampunge iingcamango zezilumko.”

21. Ngoko ke makungabikho namnye uqhayisa ngezinto ezenziwa ngabantu. Kaloku izinto zonke zezenu:

22. nokuba nguPawulos, nokuba nguApolo, nokuba nguPetros, nokuba lihlabathi, nokuba bubomi, nokuba kukufa, nokuba zizinto ezikhoyo, nokuba zeziza kubakho; zonke ezo zinto zezenu.

23. Kodwa ke nina ningabakaKrestu, uKrestu yena ngokaThixo.

1 Kwabasekorinte 3