1. Mawethu, ngokuya bendinihambele ukuze ndinazise iindaba zikaThixo ebezingaziwa mntu, andizanga ngabuciko bakuthetha nalwazi.
2. Kaloku ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguye uYesu Krestu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni.
3. Ndathi ke, ndakufika kuni, ndaba ngobuthathaka, ndinoloyiko, ndigubha kakhulu.
4. Ukuthetha kwam nokuvakalisa kwam uKrestu akubanga ngabuciko. Hayi, kube kukubonakalisa amandla oMoya kaThixo.
5. Ngoko ke ukholo lwenu malungaxhomekeki bucikweni bamntu, kodwa malusekelwe ngamandla kaThixo.