1 Kwabasekorinte 16:8-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ndizimisele ukukhe ndihlale apha e-Efese ide idlule *iPentekoste.

9. Apha kukho ithuba elihle elivulelekileyo lokusebenza, kodwa ke nenkcaso ikwankulu kangako.

10. Ukuba kwenzekile uTimoti wagqitha ngapho, ze nincede nimamkele, atsho azive esekhaya. Kaloku naye usisicaka seNkosi njengam.

11. Musani ukumdela, koko mncedeni ukuze alufeze uhambo lwakhe ngoxolo, eze apha kum. Nam ndimlindele apha kunye namakholwa.

12. Uwethu uApolo ndandimkhuthazile ukuba anihambele kunye namanye amakholwa, kodwa ke akakafuni kuza ngoku. Phofu ke uya kuza akulifumana ithuba.

13. Phaphani, nime zinzi elukholweni! Khaliphani, nomelele!

14. Wonke umsebenzi wenzeni ngothando.

15. Umzi wakwaStefano niyawazi ukuba ngowamaKrestu okuqala ukuguquka kweli laseAkaya, yaye bazinikele ekukhonzeni abantu bakaThixo. Ndiyanibongoza ke, mawethu,

16. ukuba nibalulamele abantu abanjengabo. Ndixela nabani na osebenza abulaleke njengabo.

17. Ukufika kukaStefano noFortunato noAkayiko, kuyandonwabisa; kaloku basivalile isikhewu sokungabikho kwenu,

18. bandixolisa njengoko nani benixolisile. Kufuneka athathelwe ingqalelo amadoda anjengala.

19. Ayabulisa amabandla ephondo laseAsiya. UAkwila noPrisila, kwakunye nebandla elingenela emzini wabo, bayabulisa ngokwabantu beNkosi.

20. Ayabulisa onke amakholwa. Nani bulisanani kakuhle ngokwamakholwa.

1 Kwabasekorinte 16