1 Kwabasekorinte 16:12-24 Ibhayibhile (XHO96)

12. Uwethu uApolo ndandimkhuthazile ukuba anihambele kunye namanye amakholwa, kodwa ke akakafuni kuza ngoku. Phofu ke uya kuza akulifumana ithuba.

13. Phaphani, nime zinzi elukholweni! Khaliphani, nomelele!

14. Wonke umsebenzi wenzeni ngothando.

15. Umzi wakwaStefano niyawazi ukuba ngowamaKrestu okuqala ukuguquka kweli laseAkaya, yaye bazinikele ekukhonzeni abantu bakaThixo. Ndiyanibongoza ke, mawethu,

16. ukuba nibalulamele abantu abanjengabo. Ndixela nabani na osebenza abulaleke njengabo.

17. Ukufika kukaStefano noFortunato noAkayiko, kuyandonwabisa; kaloku basivalile isikhewu sokungabikho kwenu,

18. bandixolisa njengoko nani benixolisile. Kufuneka athathelwe ingqalelo amadoda anjengala.

19. Ayabulisa amabandla ephondo laseAsiya. UAkwila noPrisila, kwakunye nebandla elingenela emzini wabo, bayabulisa ngokwabantu beNkosi.

20. Ayabulisa onke amakholwa. Nani bulisanani kakuhle ngokwamakholwa.

21. Ndiwubhala ngesam isandla lo mbuliso: Ndiyanibulisa mna Pawulos.

22. Nabani na ongayithandiyo iNkosi uqalekisiwe!“Marana tha” – O, Nkosi, yid' ufike!

23. INkosi uYesu mayibe nobubele kuni.

24. Ndinithanda xa ninonke ebudlelaneni bukaKrestu Yesu.

1 Kwabasekorinte 16