1. Ngokunxulumene nomnikelo wokunceda amakholwa akwaJuda, yenzani ngale ndlela ndandiwayalele ngayo amabandla aseGalati.
2. NgeCawe nganye umntu ngamnye makaqokelele isixa esithile semali, ngokwengeniso ayizuzileyo, asibeke bucala, ukwenzela ukuba ningaqali ukuqokelela ndakuba ndifikile.
3. Ndakufika ndothuma amadoda eniwakhethileyo nina ngokwenu, ayise imali leyo eJerusalem, ndiwaphathise nencwadi yokuwazisa.
4. Ukuba kuyimfuneko ukuba nam ndiye aya kuselehamba nam.
5. Emveni kokuba ndigqithile eMakedoni, ndiya kuza kufika nalapho eKorinte. Kaloku ndiza kucanda kwelaseMakedoni.