1 Kwabasekorinte 15:38-40 Ibhayibhile (XHO96)

38. Imbewu nganye uThixo uyinika isimo esiyifaneleyo ngokuthanda kwakhe.

39. Inyama yezinto eziphilayo ayifani; ikho eyabantu, ikho neyezilwanyana, neyeentaka ikhona, kanti ikwakho neyeentlanzi. Xa iyonke ke ayifani.

40. Ukumila nesithomo sezidalwa ezisezulwini kwahlukile. Ezasezulwini zinobuhle nesidima esisodwa, kanti nezasemhlabeni zinobuhle nesidima esahlukileyo.

1 Kwabasekorinte 15