9. Kwangaloo ndlela ke, loqondakala njani udaba eniluthethayo ngeelwimi xa ngaba alucacanga? Nakanjani na olu daba luya kuphephetheka nomoya!
10. Nakuba kukho iilwimi ngeelwimi apha emhlabeni, akukho nalunye olungenantsingiselo.
11. Ukuba ke andilwazi ulwimi oluthethwayo, lowo uluthethayo uya kuba yintlanga kum, nam ndibe yintlanga kuye.
12. Njengokuba nikulangazelela nje ukuba nazo iziphiwo zoMoya, zamani ukubalasela kwezo zilakhayo ibandla.
13. Umntu othetha ngeelwimi makathandazele ukufumana isiphiwo sokuzicacisa.
14. Kuba xa ndithandaza ngeelwimi umoya wam uhamba nam, kodwa yona ingqiqo ayithathi nxaxheba.
15. Mandithini ke? Mandithandaze ndawonye nomoya wam, kodwa ndithandaze ngengqiqo; mandimemelele ngomoya, futhi ndimemelele ngengqiqo.
16. Ukuba udumisa uThixo usemoyeni, ke yena umntu nje okunye nawe, angatsho njani ukuthi: “*Amen,” kuloo mbulelo wakho? Akanandlela yakuthatha nxaxheba, kuba kaloku akeva.
17. Nangona wona umthandazo wakho uvakala kuThixo, awuloncedo komnye umntu.
18. Ndiyambulela uThixo kuba mna iilwimi ndizithetha ngaphezu kwenu nonke.
19. Kodwa enkonzweni ndikhetha ukuthetha nokuba ngambalwa amazwi aqondakalayo, ukuze abanye bafunde, kunokuba ndenze umlembelele wento engaviwayo ndithetha iilwimi.
20. Izimvo zenu mazingabi zezobuntwana, mawethu. Yibani ngabantwana kambe kwizinto eziphathelele ebubini, kodwa iingcinga zenu zona mazivuthwe.
21. Kaloku *eziBhalweni kuthiwa:“ ‘Ndiya kuthetha kwaba bantu ngabantu abantetho yimbi,’ itsho iNkosi.‘Ndiya kuthetha ngeelwimi zasemzini,kunjalo nje abayi kundiva.’ ”
22. Ngoko ke isiphiwo sokuthetha iilwimi sikholo ukuba sibe ngumqondiso kwabangakholwayo, ingekuko kwabakholwayo. Ke sona isiphiwo sokushumayela singumqondiso kwabakholwayo, ingekuko kwabangakholwayo.
23. Xa lihlangene ke ibandla, waza ulowo nalowo wasuka wathetha iilwimi, kwaza kwathi kusenjalo kwafika abanye abangayiqondiyo le nto okanye abangengomakholwa, abayi kuthi niphambene?