1 Kwabasekorinte 14:7-17 Ibhayibhile (XHO96)

7. Nasengomeni izinto ezinjengoomaxilongo noozikatala zikhala ngokwahlukeneyo. Okanye xa kungenjalo ngubani ongayilandelayo ingoma ukuba azikhali ngokucacileyo?

8. Khona, ukuba ngaba umkhalisi-sigodlo akasikhalisanga ngokucacileyo, ngubani owoyixhobela imfazwe?

9. Kwangaloo ndlela ke, loqondakala njani udaba eniluthethayo ngeelwimi xa ngaba alucacanga? Nakanjani na olu daba luya kuphephetheka nomoya!

10. Nakuba kukho iilwimi ngeelwimi apha emhlabeni, akukho nalunye olungenantsingiselo.

11. Ukuba ke andilwazi ulwimi oluthethwayo, lowo uluthethayo uya kuba yintlanga kum, nam ndibe yintlanga kuye.

12. Njengokuba nikulangazelela nje ukuba nazo iziphiwo zoMoya, zamani ukubalasela kwezo zilakhayo ibandla.

13. Umntu othetha ngeelwimi makathandazele ukufumana isiphiwo sokuzicacisa.

14. Kuba xa ndithandaza ngeelwimi umoya wam uhamba nam, kodwa yona ingqiqo ayithathi nxaxheba.

15. Mandithini ke? Mandithandaze ndawonye nomoya wam, kodwa ndithandaze ngengqiqo; mandimemelele ngomoya, futhi ndimemelele ngengqiqo.

16. Ukuba udumisa uThixo usemoyeni, ke yena umntu nje okunye nawe, angatsho njani ukuthi: “*Amen,” kuloo mbulelo wakho? Akanandlela yakuthatha nxaxheba, kuba kaloku akeva.

17. Nangona wona umthandazo wakho uvakala kuThixo, awuloncedo komnye umntu.

1 Kwabasekorinte 14