1 Kwabasekorinte 14:27-40 Ibhayibhile (XHO96)

27. Ukuba nithetha ngeelwimi mababe babini okanye bangagqithi esithathwini abathethayo; nalapho ke makuthethe abe mnye ngexesha, aze ke omnye abatolikele.

28. Kodwa ke, ukuba akukho bani ungatolikayo, lowo ubethanda ukuthetha ngeelwimi ebhekisa ebandleni makaseyeka, azithethele noThixo ngaphakathi.

29. Ababini nabathathu bangashumayela, abanye ke bona betyise loo nto ithethwayo.

30. Kodwa ukuba omnye kwabahleli phantsi uziva enodaba angaluthethayo, lo umileyo makahlale phantsi.

31. Kaloku kungcono ninikane izithuba xa nishumayelayo, ukuze xa lilonke ibandla lifumane imfundiso nenkuthazo.

32. Lowo ushumayelayo makazibambe, hleze ifuthe analo liyone intshumayelo,

33. kuba uThixo lo ngowenzolo, akangowombhodamo.Njengakuwo onke amabandla abantu bakaThixo,

34. amakhosikazi makazole ezintlanganisweni. Akuvumelekanga ukuba ashumayele. Ngoko ke makalulamele umyalelo womthetho.

35. Ukuba kukho into afuna ukuyiqonda makayibuze kubayeni bawo emakhaya. Kaloku ilihlazo into yokuba inkosikazi ithethe entlanganisweni yebandla.

36. Ngaba ke ilizwi likaThixo laqala kuni? Okanye ngaba nini kuphela abantu elifikeleleyo kubo ilizwi likaThixo?

37. Nabani na ozicingela ukuba ungumshumayeli okanye unesiphiwo soMoya, makaqonde ukuba le nto ndiyibhalayo inomnwe weNkosi.

38. Ukuba akayamkeli le mfundiso, naye akamkelwa nguThixo.

39. Ngoko ke, mawethu, kulangazeleleni ukushumayela, kodwa ningakuthinteli ukuthetha ngeelwimi.

40. Yonke into mayenziwe ngolungelelwano nangocwangco.

1 Kwabasekorinte 14