1 Kwabasekorinte 14:24-26 Ibhayibhile (XHO96)

24. Kodwa ukuba niyashumayela nonke, kuze kufike umntu nje ozihambelayo okanye umntu ongelokholwa, loo mntu uya kuziva echukumiseka ngenxa yelizwi alivayo. Onke amazwi awevayo aya kumgweba,

25. ziphengululwe iingcinga zakhe ezifihlakeleyo, agobe amadolo amnqule uThixo, evuma ukuba ngenene uThixo ukho phakathi kwenu.

26. Lilonke ke, mawethu, ndithi: Ukuba nihlangene ngeenjongo zokunqula, yiphanani inxaxheba; omnye makathathe iculo, omnye imfundiso, wumbi avakalise isityhilelo esivela kuThixo, aze omnye ashumayele ngeelwimi, ngokunjalo ke omnye makatolike loo nto ithethwayo. Yonke into eniyenzayo mayilakhe ibandla.

1 Kwabasekorinte 14