1 Kwabasekorinte 12:4-17 Ibhayibhile (XHO96)

4. Kukho iintlobo ngeentlobo zeziphiwo, kodwa zivela kuMoya omnye.

5. Kukho iintlobo ngeentlobo zemisebenzi, kodwa kusetyenzelwa iNkosi enye.

6. Kukho iintlobo-ntlobo zeziphiwo zamandla okusebenza, kodwa xa zizonke zivela kuThixo, ikwanguye nozabela ulowo nalowo.

7. Kuthi sonke ngabanye uMoya uzibonakalisa ngendlela ethile, enenjongo yokuba sakhane.

8. Umntu othile uMoya umnika ubulumko, aze omnye amnike ukwazi.

9. Kwalo Moya mnye omnye umnika inzondelelo, aze omnye amnike amandla okuphilisa.

10. Omnye umntu uMoya umnika amandla okwenza imiqondiso, aze omnye amnike amandla okushumayela, wumbi amnike ubuchule bokucalula oomoya. Omnye umnika isiphiwo sokuthetha iilwimi, aze omnye amnike isiphiwo sokutolika.

11. Kodwa ngulo Moya mnye owenza yonke le nto; umntu ngamnye umnika isipho esahlukileyo ngokubona kwakhe.

12. UKrestu unjengomzimba, wona unamalungu amaninzi, kodwa ube wona umnye.

13. Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye.

14. Kaloku umzimba lo awulolungu linye, ungamalungu amaninzi.

15. Nokuba unyawo belungáthi: “Kaloku mna andisosandla, ngoko ke andingowomzimba,” loo nto ibingayi kulwenza unyawo lungabi lolungu lomzimba.

16. Nokuba indlebe ibingasuka ithi: “Ngenxa yokuba mna ndingelilo iliso, ngoko ke andingowawo umzimba,” loo nto ibingayi kuyenza ingabi lilo ilungu lomzimba indlebe.

17. Ukuba ke wonke umzimba ubuliliso ngesisiva njani? Khona ukuba ubuyindlebe wonke, ngesijoja njani?

1 Kwabasekorinte 12