23. aze wona loo malungu angawona adelekileyo, ibe ngawo kanye esiwambathisa ngokunonelela; aze amalungu ahlonitshwayo ibe ngawona acoselelwayo ukunakekelwa,
24. nto leyo ingeyomfuneko kumalungu afanelekileyo. UThixo umzimba uwakhe ngohlobo lokuba amalungu adelekileyo ibe ngawona ahlonitshwayo.
25. Ngoko ke akukho kubukulana emzimbeni – asuka amalungu onke ilelo linyamekele elinye.
26. Xa sukuba elinye lisifa, onke amanye amalungu avelana nalo; kuthi lakunikwa imbeko, onke amanye avuyisane nalo.
27. Ningumzimba kaKrestu ke xa ninonke nina; elowo kuni lilungu laloo mzimba.
28. UThixo ebandleni lakhe unocwangco: Kuqala *ngabathunywa, kulandele *abashumayeli, kuze abefundisi; emva kwabo ibe ngabenza imiqondiso, ibe ngabanegunya lokuphilisa, abancedisi, abakhokeli, nabathetha iilwimi.