18. Kodwa ke uThixo udale amalungu ahlukeneyo emzimbeni ngokuthanda kwakhe.
19. Ukuba amalungu onke ebelilungu elinye qha, ibingàyi kuba ngumzimba loo nto.
20. Kambe ke inje le nto: nakuba amalungu emaninzi nje, umzimba wona mnye.
21. Ngoko ke iliso alinakuthi esandleni: “Andikufuni nganto;” ingenakutsho nentloko ezinyaweni ukuthi: “Andinifuni nganto.”
22. Kusuka kuthi awona malungu angathi abuthathaka, ibe ngawona kanye singenakwenza nto engekho;
23. aze wona loo malungu angawona adelekileyo, ibe ngawo kanye esiwambathisa ngokunonelela; aze amalungu ahlonitshwayo ibe ngawona acoselelwayo ukunakekelwa,
24. nto leyo ingeyomfuneko kumalungu afanelekileyo. UThixo umzimba uwakhe ngohlobo lokuba amalungu adelekileyo ibe ngawona ahlonitshwayo.
25. Ngoko ke akukho kubukulana emzimbeni – asuka amalungu onke ilelo linyamekele elinye.
26. Xa sukuba elinye lisifa, onke amanye amalungu avelana nalo; kuthi lakunikwa imbeko, onke amanye avuyisane nalo.
27. Ningumzimba kaKrestu ke xa ninonke nina; elowo kuni lilungu laloo mzimba.
28. UThixo ebandleni lakhe unocwangco: Kuqala *ngabathunywa, kulandele *abashumayeli, kuze abefundisi; emva kwabo ibe ngabenza imiqondiso, ibe ngabanegunya lokuphilisa, abancedisi, abakhokeli, nabathetha iilwimi.
29. Àbangobathunywa bonke aba, bengengobashumayeli bonke, bengengabo nabefundisi bonke. Asingabo bonke abanegunya lemiqondiso,
30. ingengabo bonke nabanegunya lokuphilisa, bengathethi zilwimi bonke, bengatoliki bonke.
31. Ke kaloku langazelelani ezona zipho zibalaseleyo.Ngaphezu koko, nantsi ke eyona ndlela izigqwesa zonke: