1 Kwabasekorinte 12:11-24 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kodwa ngulo Moya mnye owenza yonke le nto; umntu ngamnye umnika isipho esahlukileyo ngokubona kwakhe.

12. UKrestu unjengomzimba, wona unamalungu amaninzi, kodwa ube wona umnye.

13. Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye.

14. Kaloku umzimba lo awulolungu linye, ungamalungu amaninzi.

15. Nokuba unyawo belungáthi: “Kaloku mna andisosandla, ngoko ke andingowomzimba,” loo nto ibingayi kulwenza unyawo lungabi lolungu lomzimba.

16. Nokuba indlebe ibingasuka ithi: “Ngenxa yokuba mna ndingelilo iliso, ngoko ke andingowawo umzimba,” loo nto ibingayi kuyenza ingabi lilo ilungu lomzimba indlebe.

17. Ukuba ke wonke umzimba ubuliliso ngesisiva njani? Khona ukuba ubuyindlebe wonke, ngesijoja njani?

18. Kodwa ke uThixo udale amalungu ahlukeneyo emzimbeni ngokuthanda kwakhe.

19. Ukuba amalungu onke ebelilungu elinye qha, ibingàyi kuba ngumzimba loo nto.

20. Kambe ke inje le nto: nakuba amalungu emaninzi nje, umzimba wona mnye.

21. Ngoko ke iliso alinakuthi esandleni: “Andikufuni nganto;” ingenakutsho nentloko ezinyaweni ukuthi: “Andinifuni nganto.”

22. Kusuka kuthi awona malungu angathi abuthathaka, ibe ngawona kanye singenakwenza nto engekho;

23. aze wona loo malungu angawona adelekileyo, ibe ngawo kanye esiwambathisa ngokunonelela; aze amalungu ahlonitshwayo ibe ngawona acoselelwayo ukunakekelwa,

24. nto leyo ingeyomfuneko kumalungu afanelekileyo. UThixo umzimba uwakhe ngohlobo lokuba amalungu adelekileyo ibe ngawona ahlonitshwayo.

1 Kwabasekorinte 12