4. Ngoko ke indoda ethandazayo okanye eshumayelayo enkonzweni ithwele into entloko, iyamhlaza uKrestu.
5. Kwaye nawuphi na umfazi othandazayo okanye oshumayelayo enkonzweni, engathwele nto entloko, uyayihlaza indoda yakhe; loo mfazi akahluke nganto kumfazi onenkqayi!
6. Ukuba akathwali nto, makasuke agugule intloko kube kanye. Njengoko kulihlazo ukuba umntu obhinqileyo achetywe okanye abe nenkqayi, umfazi ke makathwale.
7. Akukho mfuneko yokuba ithwale indoda, kuba ibonakalisa umfanekiso nesidima sikaThixo. Umfazi ke liqhayiya lendoda yakhe.
8. Kaloku asiyondoda eyathathwa emfazini, ngumfazi owathathwa endodeni ukudalwa kwakhe.
9. Asiyondoda eyadalwa ngenxa yomfazi, ngumfazi owadalwa ngenxa yendoda.
10. Ngoko ke, ngenxa yokuhlonela imilowo yakwaThixo umfazi makathwale.
11. Kanti ke akukho namnye ungaxhomekekanga komnye kwabo badlelana noKrestu; indoda ixhomekeke emfazini, nomfazi endodeni.
12. Nanjengokuba kaloku umfazi wathathwa endodeni, ngokunjalo ke nendoda izalwa ngumfazi, yaye ke bobabini bavela kuThixo owadala zonke izinto.
13. Zahluleleni ngokwenu ke! Kufanelekile na ukuba umntu obhinqileyo athandaze enkonzweni engathwele nto entloko?
14. Indalo ngokwayo yalatha ukuba zilihlazo endodeni iinwele ezinde;
15. kodwa zilibhongo lomntu obhinqileyo. Kaloku wazinikwa iinwele ezinde ukuze zimgqume.
16. Kodwa ke ukuba kukho ofuna ukuwuphika lo mbandela, ndingasuka ndithi, mna kwanalo ibandla likaThixo, akukho siko limbi sinalo thina enkonzweni.