1 Kwabasekorinte 11:2-9 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ndiyanincoma ngokusoloko nindikhumbula, nizigcina nezithethe endininike zona.

3. Kambe ke ndifuna nicacelwe kukuba njengoko uKrestu ongamele indoda nganye, yindoda eyongamele umkayo, nanjengoko uKrestu onganyelwe nguThixo.

4. Ngoko ke indoda ethandazayo okanye eshumayelayo enkonzweni ithwele into entloko, iyamhlaza uKrestu.

5. Kwaye nawuphi na umfazi othandazayo okanye oshumayelayo enkonzweni, engathwele nto entloko, uyayihlaza indoda yakhe; loo mfazi akahluke nganto kumfazi onenkqayi!

6. Ukuba akathwali nto, makasuke agugule intloko kube kanye. Njengoko kulihlazo ukuba umntu obhinqileyo achetywe okanye abe nenkqayi, umfazi ke makathwale.

7. Akukho mfuneko yokuba ithwale indoda, kuba ibonakalisa umfanekiso nesidima sikaThixo. Umfazi ke liqhayiya lendoda yakhe.

8. Kaloku asiyondoda eyathathwa emfazini, ngumfazi owathathwa endodeni ukudalwa kwakhe.

9. Asiyondoda eyadalwa ngenxa yomfazi, ngumfazi owadalwa ngenxa yendoda.

1 Kwabasekorinte 11