1. Kubhala mna Pawulos ndibizwe *ndangumthunywa kaYesu Krestu ngokuthanda kukaThixo. Ndibhala ndikunye noSosteno uwethu.
2. Ndibhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, abakhethwe ngokumanywa noKrestu Yesu, bebizelwe ukuba yimilowo yakwaThixo ndawonye nabo bonke abalinqulayo ezindaweni zonke igama leNkosi yethu uYesu Krestu, oyiNkosi yabo kwaneyethu.
3. Kuni ke ndithi: Makube sisisa, kube luxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.
4. Ndihlala ndimbulela ngani uThixo wam ngenxa yesisa anibabale ngaso ngokunimanya noYesu Krestu.
5. Kaloku, nimanyene noKrestu nje, ninendyebo ngezinto zonke, ekuthetheni nasekwazini ngokupheleleyo.
6. Kaloku iindaba ezingoKrestu zithe zamila kuni,
7. kangangokuba aniphoswanga nasinye isipho esivela kuThixo ngeli xesha nikulindeleyo ukubonakala kweNkosi yethu uYesu Krestu.
8. INkosi uYesu Krestu iya kunomeleza kude kube sekupheleni, ningabi nabala ngeMini yayo.
9. Uthembekile uThixo, yena wanibizayo ukuba nibe nobudlelane noNyana wakhe uYesu Krestu iNkosi yethu.
10. Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye.
11. Kuba kaloku, mawethu, ndixelelwe ngani ngabakuloKlowe ukuba kukho ukungavisisani phakathi kwenu.
12. Ndithetha le nto yokuba kuthiwa omnye kuni uthi: “Mna ndingokaPawulos;” omnye athi: “Mna ndingoka-Apolo;” omnye athi: “Mna ndingokaPetros;” omnye ke athi: “Mna ndingokaKrestu.”
13. Ngaba wahluka-hlukene na uKrestu? Ngaba nguPawulos na owabethelelwa ngenxa yenu? Ngaba nabhaptizwa egameni likaPawulos na?
14. Ndiyambulela uThixo kuba ndingabhaptizanga namnye kuni ngaphandle kukaKrispo noGayo,