1 Kutimoti 3:9-13 Ibhayibhile (XHO96)

9. Kufuneka babe ngamadoda azinikele ngokupheleleyo kwinyaniso yokholo, engenasazela nganto.

10. Nabo kwanjengabakhokeli, mabaphicothwe kuqala; ukuba ke abanabala bangeniswe emsebenzini.

11. Nabafazi babo mababe ngabazimilo zihle, bengahlebi; abazinzileyo ngengqondo, bethembekile ngeendlela zonke.

12. Umncedisi makabe nomfazi omnye kuphela, akwazi ukubaqeqesha abantwana bakhe, ayilawule nendlu yakhe iphela.

13. Abancedisi abawenza ngokufanelekileyo umsebenzi wabo, bazuza iwonga nelungelo lokuthetha ngesibindi kwimicimbi kaKrestu Yesu.

1 Kutimoti 3