8. Nabo abancedisi mababe ngabantu abasimilo sihle, benyanisekile; bengengawo amanxila okanye izinyolunyolu zemali.
9. Kufuneka babe ngamadoda azinikele ngokupheleleyo kwinyaniso yokholo, engenasazela nganto.
10. Nabo kwanjengabakhokeli, mabaphicothwe kuqala; ukuba ke abanabala bangeniswe emsebenzini.
11. Nabafazi babo mababe ngabazimilo zihle, bengahlebi; abazinzileyo ngengqondo, bethembekile ngeendlela zonke.
12. Umncedisi makabe nomfazi omnye kuphela, akwazi ukubaqeqesha abantwana bakhe, ayilawule nendlu yakhe iphela.