1 Kutimoti 2:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kuqala, ndiqononondisa ndisithi: izicelo, imithandazo, izikhungo, nemibulelo,

2. mazenzelwe bonke abantu. Iinkosi nabasemagunyeni bonke mabathandazelwe, ukuze kubekho inzolo noxolo ehlabathini, sihlale ngokoyika nangokuhlonela uThixo.

3. Yinto elungileyo nekholekileyo leyo kuThixo, uMsindisi wethu,

4. ofuna ukusindisa bonke abantu, baze bafikelele ekuyazini inyaniso.

5. Kaloku mnye uThixo, ukwamnye nalowo ungumxolelanisi kaThixo nomntu. NguKrestu Yesu ongumntu ncakasana,

6. owazenza intlawulelo yenkululeko yoluntu luphela. Wayingqinela injongo kaThixo kanye ngexesha elifanelekileyo, ngokwenjenjalo.

1 Kutimoti 2