1 Kutimoti 1:6-11 Ibhayibhile (XHO96)

6. Abanye abantu bathe ngokuswela ezi mpawu balahleka. Beyela kwiingxoxo ezilambathayo.

7. Bazenza abafundisi bomthetho, kanti abawaqondi amazwi abawasebenzisayo, ngokukwanjalo nakuloo mibandela bathetha ngayo bangoozwi-lakhe.

8. Siyazi ke ukuba umthetho ulungile, ukuba usetyenziswa ngendlela efanelekileyo.

9. Masikhumbule ke kodwa ukuba umthetho awenzelwa bantu balungileyo. Umthetho wenzelwa izaphula-mthetho, nezikrelemnqa, abangcolileyo, nabonayo, abanganquliyo, nabakhohlakeleyo, abo babulala ooyise noonina, izigwinta,

10. nabarheletyayo, abalalana befana ngobuni, abaqweqwedisi, amaxoki, nabafunga bexoka, naye nabani na owenza into echasene nemfundiso yokwenene.

11. Loo mfundiso ke ifumaneka kwezi ndaba zimnandi ndazinikelwayo ukuba ndizivakalise – uncuthu lweendaba zikaThixo onobungangamsha omakadunyiswe.

1 Kutimoti 1