2. Ndibhalela uTimoti, unyana wam wenene ngokwaselukholweni. Ndithi: Kuwe makulawule isisa, inceba, noxolo oluvela kuThixo uBawo, noKrestu Yesu iNkosi yethu.
3. Njengoko ndakuyalelayo ukuya kwam eMakedoni, nceda uhlale apho e-Efese. Kaloku kukho abantu abaneemfundiso zolahlekiso apho, ngoko ke banqande.
4. Yitsho bahlukane neentsomi, nemilibo yokuzalwa engaphele ndawo. Kaloku ezi zinto zikhuthaza iingxoxo ezingayi ndawo. Azikwazi ukulichaza icebo likaThixo elaziwa ngokholo.
5. Injongo yalo myalelo kukuvuselela uthando oluphuma kwintliziyo enyulu, nesazela esihlambulukileyo, kwanokholo olungazenzisiyo.