1 Kayohane 3:12-24 Ibhayibhile (XHO96)

12. Masingafani noKayen ke owafuza umtyholi wagwinta umntakwabo. Kwakutheni ukuze amgwinte umntwakwabo? Kwakungenxa yokuba izenzo zikaKayen zazigwenxa, kodwa ezomntakwabo zazilungile.

13. Bahlobo bam, sanukumangaliswa xa abantu beli hlabathi benithiyile.

14. Kaloku thina siphumile ekufeni sangena ebomini. Loo nto ke icaciswa kukuba siyawathanda amawethu. Umntu ongenalo uthando usantyumpantyumpeka ekufeni.

15. Nabani na ke omthiyileyo uwabo sisigwinta, ibe ke niyazi ukuba akukho sigwinta sinabo ubomi obungunaphakade.

16. Inkqu yothando siyibona kule nto yokuba uKrestu anikele ubomi bakhe ngenxa yethu. Ngokunjalo ke nathi sifanele ukuba sibunikele ubomi bethu ngenxa yamawethu.

17. Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe?

18. Bantwana bam, uthando lwethu malungabi lolomlomo nje kuphela, koko malube lolungahanahanisiyo, lubonakaliswa ngezenzo.

19. Nantso ke into ebonakalisa ukuba singabenyaniso, yaye asinasazela phambi koThixo.

20. Kanti ke, nokuba siyalahlwa sisazela sethu, yena uThixo osaziyo ngokupheleleyo, unenceba kunesazela sethu.

21. Ewe, zihlobo zam, xa singalahlwa sisazela asibi naxhala phambi koThixo.

22. Zonke izinto esizicelayo kuye, siyazifumana; kuba kaloku siyayifezekisa imiyalelo yakhe, siyenze intando yakhe.

23. Umyalelo wakhe uthi masizinikele kwigama loNyana wakhe uYesu Krestu, sithandane nanjengokuba wasiyalelayo.

24. Wonke umntu oyithobelayo imiyalelo kaThixo umanyene noThixo, noThixo uhlala kuye. Into ecacisa ukuba uThixo uhlala kuthi nguMoya lo asinike yena.

1 Kayohane 3