1 Kayohane 2:3-13 Ibhayibhile (XHO96)

3. Into ebonakalisa ukuba siyazana noThixo kukuba siyithobele imiyalelo yakhe.

4. Umntu othi uyazana naye, abe kodwa engayithobeli imiyalelo yakhe, uyaxoka; ukude nenyaniso.

5. Kambe ke yena olithobelayo ilizwi lakhe, uthando lukaThixo luyondelelene kuye. Nantsi ke into ecacisa ukuba simanyene noThixo:

6. Lowo uthi umanyene naye makaziphathe ngohlobo awayeziphethe ngalo uYesu Krestu.

7. Zihlobo zam ezithandekayo, lo myalelo ndinibhalela wona awumtsha, mdala; ngulowa nawunikwayo kwasekuqalekeni. Lo myalelo mdala ke ludaba eseniluvile.

8. Ewe kambe, lo myalelo ndinibhalela wona mtsha; ubunyani bawo bubonakaliswa nini nanguYesu Krestu. Kaloku ubumnyama buyadlula; ke okona kukhanya sekuvelile.

9. Umntu othi usekukhanyeni, abe kodwa emthiyile uwabo, usesebumnyameni unangoku.

10. Kodwa yena umntu omthandayo uwabo, uhlala ekukhanyeni; yaye akukho nto ikhubekisayo kuye.

11. Kambe yena umntu omthiyileyo uwabo usebumnyameni, uyamfamzela; akazi nalapho aya khona, kuba ubumnyama bummfamekisile.

12. Ndiyanibhalela, bantwana bam, kuba kaloku izono zenu zixolelwe ngenxa kaKrestu.

13. Ndiyanibhalela nani, boyise, kuba kaloku niyamazi lowo wayekho kwasekuqalekeni. Ngokunjalo ndiyanibhalela nani, lutsha, kuba nimoyisile umtyholi.

1 Kayohane 2