1 Kasamweli 7:5-7 Ibhayibhile (XHO96)

5. Emva koko uSamweli wathi: “Onke amaSirayeli makahlangane eMizpa. Mna ke ndiya kunithandazela kuNdikhoyo.”

6. Kwayiwa ke eMizpa kuloo mbizo, kwakhiwa amanzi, aza aphalazwa, kusenziwa umnikelo kuNdikhoyo. Kwakuzilwe imini yonke, abantu besithi: “Sinetyala kuNdikhoyo.” (NguSamweli owaba yinkokheli yamaSirayeli eMizpa.)

7. Athi akuva amaFilistiya ukuba nâko amaSirayeli eqokelelene eMizpa, aphuma ekhokelwa ziinkosi zawo ukuya kuhlasela amaSirayeli. Zaya kufika kumaSirayeli ezo ndaba, atsho awoyika amaFilistiya,

1 Kasamweli 7