1. Abemi baseKiriyati-yarim baya kuyiphuthuma ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, bayisa emzini ka-Abhinadabhi owawusendulini. Bamisela uElazare, unyana waloo mfo, ukuba ibe nguye ogcina ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo.
2. Yahlala ithuba elide ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo eKiriyati-yarim. Yaba ngamashumi amabini eminyaka ilapho. Ngelo xesha onke amaSirayeli ayezibika kuNdikhoyo ukuba awancede.
3. Ngoko ke uSamweli wathi kwindlu yonke kaSirayeli: “Ukuba ngenene nibuyele kuNdikhoyo ngentliziyo epheleleyo, kufuneka nahlukane *noothixo basemzini bonke, nilahle nemifanekiso yothixokazi uAshtaroti. Kufuneka nizimisele nizinikele kuNdikhoyo ngokupheleleyo, nikhonze yena yedwa. Yena ke wonihlangula esandleni samaFilistiya.”
4. AmaSirayeli ke ayilahla imifanekiso kaBhali noAshtaroti, akhonza uNdikhoyo yedwa qwaba.