Abuza amaFilistiya athi: “Ingakhatshwa ngantoni na yokungxengxezela ityala?”Bathi ukuphendula ababingeleli: “Kaloku kufuneka niyikhaphe ngamathumba amahlanu awenziwe ngegolide, kunye neempuku ezintlanu ezenziwe ngegolide; inye kwezo nto imele inkosi yamaFilistiya nganye. Kaloku nonke nabethwa ngobhubhani ngokufanayo kunye neenkosi zenu zontlanu.