1 Kasamweli 26:12-21 Ibhayibhile (XHO96)

12. Bawuthatha ke loo mkhonto naloo ngqayi zazisentla koSawule, bemka nazo ooDavide noAbhishayi. Akukho bani owababonayo, nabani owakuvayo okwakuqhubeka, nabani owaphaphamayo; bonke babelel' obentlombe, kuba kaloku uNdikhoyo wabahlisela obunzulu obu ubuthongo xa bebonke.

13. Wasuka apho wawela intlambo uDavide, waya kuthi qingqi ngaphesheya endulini ethe qelele, wafika

14. wamemeza ekhwaza umkhosi kaSawule noAbhinere, esithi: “Wa, Abhinere! Khawuphendule, mfondini!”“Ngaba ngubani na lo ufundekela ukumkani?” NguAbhinere lowo utshoyo.

15. Kuphendule kwauDavide, wenjenje: “Andibi kanene, Abhinere, nguwe intshatsheli emfazweni? Ukhona na omnye olingana nawe kwaSirayeli? Ngani ke ungamkhuseli umhlekazi ikumkani yakho? Ngoku ndithethayo kungene umntu apho emkhosini wenu, eze kubulala ukumkani.

16. Imbi le nto uyenzileyo, Abhinere! Ekho nje uNdikhoyo, ndithi nimelwe kukufa nonke, kuba noyisakele kukukhusela ukumkani wenu, umthanjiswa kaNdikhoyo! Khawukhangele: uphi umkhonto kakumkani? Iphi yona ingqayi yakhe, le ibisentla kwakhe?”

17. Waliva ilizwi ukuba lelikaDavide uSawule. Uvakele esithi: “Ngaba nguwe lowo, Davide, nyana wam?”“Ewe, ndim, mhlekazi,” kuphendule uDavide.

18. Watsho eqhuba esithi: “Khawutsho, mhlekazi, usandizungula ngantoni kangaka! Ndenzeni, mhlekazi? Liyintoni ityala lam kuwe?

19. Mhlekazi, nkosi yam, khawuphulaphule amazwi omkhonzi wakho! Ukuba nguNdikhoyo okuxhokonkxileyo ngakum angáxoliswa ngumnikelo. Phofu ukuba ngabantu, mabahlelwe sisiqalekiso sikaNdikhoyo. Kaloku bandiphephethe ndatsho ndabhacela ngaphandle komhlaba olilifa lethu esilinikwe nguNdikhoyo, besithi: ‘Deda, uye kunqula *thixo bambi!’

20. Mhlekazi, igazi lam malingaphalali ezizweni kude noNdikhoyo! Inene, ukumkani wakwaSirayeli uphumele ukuzingela intakumba enye, exela ubani osukela isakhwatsha ezintabeni.”

21. Uphendule wenjenje uSawule: “Ndonile; buyel' ekhaya, Davide nyana wam! Andisobe ndikuse sandla konke, ngokuba namhlanje ubomi bam bube lixabiso kuwe. Ngenene ndenze ubudenge ndaphazama gqitha!”

1 Kasamweli 26