1. Ukusuka apho uDavide waya kwambingeleli uAhimeleki eNobhi. Wamhlangabeza uAhimeleki esoyika, wambuza esithi: “Kutheni uhamba wedwa nje? Kutheni kungekho bani ukukhaphayo nje?”
2. Uphendule wenjenje uDavide: “Ndize apha ngokuthunywa ngukumkani. Yaye uthe ze ndingaluxeleli mntu udaba andithume lona. Ndithe kumadodana am siya kudibana endaweni ethile.
3. Ngaba akunanto ityiwayo apha? Ndiphe izonka noba zihlanu, okanye nantoni ongaba unayo.”
4. Uthe umbingeleli: “Akukho sonka siqhelekileyo sikhoyo apha; kuphela kwesonka esikhoyo sesingcwalisiweyo. Phofu ungasifumana xa loo madodana akho engakhange ahlangane nabantu ababhinqileyo kutshanje.”