1 Kasamweli 20:15-20 Ibhayibhile (XHO96)

15. uze uhlale unaloo ntembeko kusapho lwam ngalo lonke ixesha, naxa uNdikhoyo selezitshabalalisile iintshaba zakho kulo lonke ihlabathi.”

16. UJonatan wanqophisana nomzi kaDavide, esithi: “Maze uNdikhoyo aziphindezele kwiintshaba zikaDavide.”

17. UJonatan wabuya wamfungisa uDavide ukuba amthande, kuba yena wayemthanda uDavide ngomphefumlo wakhe wonke.

18. Uqhube wathi uJonatan: “Ngomso sisidlo sokuthwasa kwenyanga, yaye kuza kubonakala ukuba akukho. Kaloku indawo yakho iya kuba ingenamntu.

19. Ngomsomnye koba sobala nje ukuba akukho ethekweni. Hamba uye kuzimela kulaa ndawo wawuzimele kuyo, ufike uzifihle ngakwilitye le-Ezeli.

20. Mna ke ndodubula apho ngakulo ngeentolo zibe ntathu, ndibe ngathi ndizijolise entweni.

1 Kasamweli 20