1 Kasamweli 19:11-19 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ngobo busuku waphuncuka wabaleka uDavide. USawule wathumela amadoda ukuba aye kungqinga indlu kaDavide, ukuze ambulale kwakusa. UMikali walumkisa umyeni wakhe uDavide, wathi: “Ukuba akubaleki umke apha ngobu busuku, ngomso woba ngofileyo!”

12. Watsho wamkhupha ngefestile, wabaleka wasaba uDavide.

13. UMikali uthathe *umlonde-khaya, wawubeka emandlalweni, wawuqamelisa ngomqamelo woboya bebhokhwe, waza wawambathisa.

14. USawule uthume amadoda ukuba ambambe uDavide, uMikali wathi kuwo: “Akaphilanga.”

15. USawule wathi makaye azibonele ngokwawo uDavide. Watsho esithi: “Ze nimthwale ngaloo mandlalo wakhe, nize naye apha, ndimbulale.”

16. Bafika bangena endlwini abo bafo, bafika kukho umlonde-khaya kuloo mandlalo, uqamele ngomqamelo woboya bebhokhwe.

17. Wabuza intombi yakhe uMikali uSawule esithi: “Yini na ukuba wenjenje ukundikhohlisa? Uyabona, ulubalekisile utshaba lwam lwasinda!”UMikali uphendule wathi: “Úthe kum: ‘Ndiyeke ndimke! Yini na ukuba ndikubulale?’ ”

18. UDavide wabalekela kuSamweli eRama, wamchazela ngazo zonke izinto uSawule amenze zona. Banduluka apho uSamweli kunye noDavide, baya kuhlala eNayoti.

19. Uthe uSawule akuva ukuba uDavide uhlala eNayoti eRama,

1 Kasamweli 19