1 Kasamweli 14:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngamhla uthile uJonatan unyana kaSawule wavakala esithi kumfana omphathela izikrweqe: “Masikhe siwelele ngaphesheya phaya kulaa kampana yamaFilistiya.” Phofu akayithethanga kuyise le nto uJonatan.

2. USawule wayemise eMigron, phantsi komthi werharnati, kude kufuphi naseGibheya. Umkhosi wakhe wawungamadoda amalunga namakhulu amathandathu.

3. *Isidanga sasiphathwa ngumbingeleli uAhiya unyana ka-Ahitubhi, umntakwabo-Ikabhodi, oonyana bakaPineyasi, abazukulwana bakaEli owayengumbingeleli *kaNdikhoyo eShilo. Akazanga akuqaphele ukumka kukaJonatan nkqu namadoda omkhosi kaSawule.

4. Kuloo ngxingwa yaseMikimashe, le wayeza kuphumelela kuyo uJonatan xa awelela kwikampana yamaFilistiya, kwakukho amawa amabini, eziingqajolo, ephahle loo ngxingwa. Kwakusithiwa nguBhozeze elinye ukubizwa kwalo, elinye kusithiwa nguSene.

5. Elinye lalikwicala langasentla, lijonge eMikimashe, elinye lingasezantsi, lijonge eGebha.

6. Ubuye wathi uJonatan kuloo mfana umphathela izikrweqe: “Masiwelele kulaa kampana yeziya ntlanga zingalukiyo. Mhlawumbi angakwicala lethu uNdikhoyo. Akukho nto inokumthintela uNdikhoyo ukuba angahlanguli, nditsho nokuba sibaninzi, nokuba simbalwa.”

7. “Yenza ngokubona kwakho. Mna ndikwelo ulithethayo, naliphi na,” utshilo umfana.

1 Kasamweli 14