1 Kasamweli 10:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uSamweli urhole iqhaga elalinamafutha omnquma, wawagalela entloko kaSawule, wamanga, wathi: “Uyakuthambisa *uNdikhoyo ukuze ulawule abantu bakhe.

2. Ukwahlukana kwethu namhlanje uya kuhlangana namadoda amabini phaya ngakwingcwaba likaRakeli eZeleza kumda wakwaBhenjamin. Aya kuthi kuwe: ‘Eziya donki ubuye kuzikhangela zifumanekile, yaye noyihlo akasazidubi ngazo ngoku, seleziduba ngawe. Selesithi: “Yaz'ba ndiza kuyithini na into yokungabuyi konyana wam?” ’

3. “Ùya kudlula apho, uye kutsho eTabhore kumthi wom-oki, apho wohlangana khona namadoda amathathu esendleleni eya eBhetele ukuya kukhonza uThixo. Enye indoda yoba ithwele amatakane ebhokhwe amathathu, enye iphethe izonka ezithathu, enye ixwaye imvaba yewayini.

4. Loo madoda aya kukubulisa, akunike izonka ezibini, oya kuthi wena uzithathe.

5. Emva koko uya kufika kulaa nduli kaThixo iseGibheya, apho amaFilistiya anekampu yamajoni. Ekungeneni kwakho edolophini apho wohlangana nomgcelele *wabashumayeli, bevela endulini apho, behamba bebetha iihapu, amagubu, iimpempe, neekatala, beshumayela besemoyeni.

1 Kasamweli 10