25. Yakuba iwile inkunzi yenkomo, usana lwasiwa kuEli.
26. UHana wathi kuEli: “Camagu, nkosi yam! Usaphila nje ulingqina lam lokuba ndingulaa mfazi wayemi apha ethandaza kuNdikhoyo.
27. Ndandicela lo mntwana, waza uNdikhoyo wasiva isicelo sam.
28. Ngoku ke ndimbuyisela kuNdikhoyo, kuba bonke ubomi bakhe bobalowo ucelwe kuNdikhoyo.” Emva koko ke uSamweli wakhonza uNdikhoyo apho eShilo.