1 Kapetros 5:10-14 Ibhayibhile (XHO96)

10. Kodwa ke, emva kwezo mbandezelo zomzuzwana, uThixo umthombo wesisa owanibizayo ngokumanywa kwenu noKrestu, khon' ukuze nibe nenxaxheba kubuqaqawuli bakhe obungapheliyo, uya kunihlaziya anomeleze, anixhobise, nime ngxishi.

11. Kaloku akuye amandla ngoku nangonaphakade. *Amen.

12. Ngoncedo lukaSilas, ikholwa elithembekileyo njengoko ndiqonda, ndinibhalele le ncwadana ndinikhuthaza. Ngokunjalo ndiyangqina ukuba esi sisisa sikaThixo ngenene. Ngoko ke yimani kuso ningahexi.

13. Liyabulisa ibandla eliseBhabheli, nalo linyuliwe nguThixo njengani. Uyanibulisa nonyana wam uMarko.

14. Bulisanani niqhutywa luthando. Makube luxolo kuni nonke nina bakaKrestu!

1 Kapetros 5