1. Ke kaloku ndibhenela kumadoda amakhulu alapho phakathi kwenu. Nam kaloku ndikwayindoda enkulu; futhi ndikwalingqina ngeembandezelo zikaKrestu. Kambe ke ndinaso nesabelo kubuqaqawuli obuza kuvela.
2. Waluseni umhlambi kaThixo eniphakathi kwawo. Lo msebenzi ke sanukuwenza kuba ninyanzelekile, koko wenzeni nizimisele, njengoko noThixo ethanda njalo. Sanukusebenza kuba nincwase inzuzo, koko sebenzani ngokuzinikela.
3. Sanukulawula ngegqudu, koko yibani ngumzekelo kuwo umhlambi.
4. Uya kuthi ke akufika uMalusi omkhulu, nizuze isithsaba esinesidima, esingasoze sitshitshe.
5. Kwangaloo ndlela ke nani, bafana, walulameleni amadoda amakhulu. Xa ninonke ke ngoko yithani wambu ukuthobelana. Kaloku uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa unesisa kwabathobekileyo.
6. Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo.
7. Ziphoseni kuye zonke iingxaki zenu; kaloku nguye onalusayo.
8. Hlalani nithe qwa, nilumke! Kaloku ummangaleli wenu umtyholi ugquma njengengonyama. Uyajikeleza; uzingela umntu angamqwengayo.