2. Njengamakholwa aseziintsana langazelelani ubisi olungangxengwanga: ndixela ilizwi likaThixo eliya kunikhulisa nide nisindiswe.
3. “Kaloku senibungcamle ububele beNkosi,” njengoko *neziBhalo zisitsho kakade.
4. Yizani eNkosini! Kaloku yona lilitye eliphilayo eladelwayo ngabantu; kambe ke lichongiwe, laye lixabisekile kuThixo.
5. Yizani kaloku nani nibe ngamatye okwakha indlu kaMoya, khon' ukuze nibe ngababingeleli abanyulu bokwenza amadini kaMoya, amkelekileyo kuThixo ngenxa kaYesu Krestu.
6. Kaloku iziBhalo zithi:“Ndikhethe ilitye elixabisekileyo.Lilitye lesiseko endilibeka eZiyon.Nabani na ozinikelayo kuye akayi kudana.”
7. Kuni, nina bazinikeleyo, eli litye lixabisekile, kodwa kwabo bangakholwayo:“Kanye elo litye bâlideláyo abakhisuke laba lelona libalulekileyo lesiseko.”